uCeba Nombongo Apleni
Kwiinzame zokuxhasa amakhaya angathathi ntweni, uMasipala waseMbhashe, phantsi kweCandelo leNkonzo eziSisiseko zaMahala, uliqhube ngempumelelo iphulo lokufundisa uluntu nge-Indigent Registration kunye neeNkonzo eziSisiseko zaMahala (Free Basic Services) ezifumaneka kuMasipala.
Ezi seshoni bezibanjelwe kwisikolo sakuloKhala, eMandluntsha, eXonyana, eMhlabulungile, eNqadu, eZwelithobile, kuGatyana, ukusukela ngomhla we-14 kweyoMsintsi ukuya kuma ngomhla we-17 kweyoMsintsi 2026.
Eli phulo lijolise ekuqinisekiseni ukuba abahlali banolwazi ngoncedo abanothi balufumane, kunye nenkqubo ekufuneka zilandelwe phambi kobhaliso khona ukuze amakhaya afanelekileyo akwazi ukufikelela kwezi nkonzo. Phakathi kweenkonzo ekuxoxwe ngazo kukho umbane wasimahla kunye neepaneli zelanga (solar panels), ezijolise ekuncedeni amakhaya afanelekileyo.
Ngethuba esenza amazwi wakhe, uCeba Nombongo Apleni nolilungu lekomiti kaSodolophu, unike ingcaciso ebanzi ngeeNkonzo eziSisiseko zaMahala ezibonelelwa nguMasipala. Uqhube wacacisa nange mfuno ekufuneka zifezekiswe ngabafaki-zicelo, kwakunye nenkqubo ekufuneka bayilandele ukuze babhalise kwaye baqinisekise ukufaneleka kwabo kwezi nkonzo.
Ngeli phulo uMasipala waseMbhashe usaqhubeka nokuzibophelela ekuziseni ulwazi neenkonzo ezisisiseko kufutshane nabahlali.
ULiyema Mafuya, nongumhlali waseMandluntsha, uthe le nkqubo idlala indima ebalulekileyo kwaye yenza kubelula ukuba bafumane ulwazi oluchanekileyo, ngeenkqubo zenkxaso zikaMasipala ezijoliswe kuluntu.
Abasebenzi boPhuhliso boLuntu (CDW’S), amagosa kaMasipala, ooCeba,ooWadi komiti, iiNkosi zeMveli kunye nabahlali bebeyinxalenye yale nkqubo.
Ezi seshoni zizakuqhuba nangomso eBhojini kunye nase Mente, ukanti ngomhla wama-21 ziyakube zibanjelwe e-Madakana kunye naseUpper Mbhangcolo.
