Linda Magazi
Dordrecht
Isebe lezemfundo kwiphondo le Mpuma Koloni linyathele kumasipala wase Emalahleni kwidolophu yase Dordrecht nalapho beliphehlelela ngokusesikweni iBasic Education Employment Initiative (BEEI). Lenkqubo ingxininise kuphuhliso lolutsha noluthi luxhamle kumathuba emisebenzi.
Lenkqubo ibibanjelwe eDordrecht Youth Centre/Sportsground phantsi kwe Chris Hani West District. Isebe linikezele ngengxelo ngeliphulo le BEEI likwadandalazisa nendima esele inyathelwe ekuphuhliseni ulutsha. Kuye kwanikwa ithuba nabo bathe baxhamla kumathuba okuphuculwa kwezakhono zabo lisebe lezemfundo ingakumbi abantu abatsha bavakalise izimvo zabo.
Umnumzana uNkosinathi Godlo ongu District Director kwi Chris Hani West Education District uthi belisebe bebephehlelela lenkqubo ukubonisa ukuhlala ukuba elisebe lithatha igxathu ekucutheni inani labantu abatsha abangasebenziyo.
Lenkqubo ibikhokelwe ngumnumzana uLuthuli oyi Deputy Director General kwelisebe ephondweni emele uCooperate Services kunye no Director wakwa Human Resource Development Mrs. Lukhanyo Sidiya nonike ingxelo malunga nale nkqubo.
Kanti kumenywe abaxhamli balenkqubo abaliwaka elinamakhulu amathandathu, nomasipala wase Emalahleni ebekho ezokuzimasa namanye amasebe karhulumente afana nesebe lezempilo. Nabantwana bezikolo bebekho bexhentsa, becula besonwabisa uluntu. Ibingumbo nomXesibe iholo liphuphuma kunye nentente. Ingxelo- Vukani Community Radio
