Usodolophu uCeba Samkelo Janda kunye noMnumzana uKalityi ovela kumasipala i Amathole District
eDutywa
Umasipala waseMbhashe ebambisene neForamu yeNkunkuma (Waste Awareness Forum) bebebambe indibano yokuxhobisa ngococeko kumagumbi kamasipala eDutywa.
Injongo yale ndibano kukukhuthaza abantu ukuba bayixabise inkqubo yokuqokelela inkunkuma khona ukuze kwehle izinga lokungcola ekuhlaleni. Le seshoni ibikwakhuthaza abantu ukuba bahlale kwindawo ezicocekileyo.
I-Sebe leNkonzo Zoluntu phantsi komasipala waseMbhashe lithe thaca izicwangciso zalo zokugcina idolophu neelali zaseMbhashe zicocekile, likwabeka nemiceli-mingeni ehlangabezana nayo kwiphulo layo lokucoca.
Eminye yemiceli-mingeni umasipala ahlangabezana nayo ekucoceni yile ilandelayo:
* Ngabantu abalahla kwindawo ekungafanelekanga ukuba kulahlwe kuzo
* Imibhobho yelindle egqabhukayo
* Amaphara achitha imigqomo
* Abantu abahamba ezikroxweni abachama nandawoni na.
Abantu babe zwi linye ukuba abahlali mabasebenzisane nomasipala ukugcina iindawo ekuhlalwa kuzo zicocekile. Kwakhuthazwa umasipala ukuba aqhube ngokuqokelela inkunkuma ngentsuku ezibekiweyo kwindawo- ngendawo.
Usodolophu uCeba Samkelo Janda ubongoze abaqhubi beemoto ukuba nabo babenendima abayidlalayo ekucoceni idolophu, ekwakhuthaza intsebenziswano yoluntu jikelele ukuba nalo luthathe inxaxheba ekucoceni iindawo abahlala kuzo.
“Idolophu emdaka ayiniki mdla kubatyali-zimali kunye nakubakhenkethi”utshilo uSodolophu.
Abanye babantu ebebeyinxalenye yale ndibano ngooCeba kunye negosa elisuka kumasipala weSithili i-Amathole.
