{"id":472,"date":"2025-08-28T06:26:10","date_gmt":"2025-08-28T06:26:10","guid":{"rendered":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/?p=472"},"modified":"2025-08-28T16:13:58","modified_gmt":"2025-08-28T16:13:58","slug":"umasipala-wasembhashe-ukhuthaza-ucoceko","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/index.php\/2025\/08\/28\/umasipala-wasembhashe-ukhuthaza-ucoceko\/","title":{"rendered":"Umasipala waseMbhashe ukhuthaza uluntu ngococeko"},"content":{"rendered":"<p>eDutywa<\/p>\n<p>Umasipala waseMbhashe ebambisene neForamu yeNkunkuma (Waste Awareness Forum) bebebambe indibano yokuxhobisa ngococeko kumagumbi kamasipala eDutywa.<\/p>\n<p>Injongo yale ndibano kukukhuthaza abantu ukuba bayixabise inkqubo yokuqokelela inkunkuma khona ukuze kwehle izinga lokungcola ekuhlaleni. Le seshoni ibikwakhuthaza abantu ukuba bahlale kwindawo ezicocekileyo.<\/p>\n<p>I-Sebe leNkonzo Zoluntu phantsi komasipala waseMbhashe lithe thaca izicwangciso zalo zokugcina idolophu neelali zaseMbhashe zicocekile, likwabeka nemiceli-mingeni ehlangabezana nayo kwiphulo layo lokucoca.<\/p>\n<p>Eminye yemiceli-mingeni umasipala ahlangabezana nayo ekucoceni yile ilandelayo:<\/p>\n<p>* Ngabantu abalahla kwindawo ekungafanelekanga ukuba kulahlwe kuzo<br \/>\n* Imibhobho yelindle egqabhukayo<br \/>\n* Amaphara achitha imigqomo<br \/>\n* Abantu abahamba ezikroxweni abachama nandawoni na.<\/p>\n<p>Abantu babe zwi linye ukuba abahlali mabasebenzisane nomasipala ukugcina iindawo ekuhlalwa kuzo zicocekile. Kwakhuthazwa umasipala ukuba aqhube ngokuqokelela inkunkuma ngentsuku ezibekiweyo kwindawo- ngendawo.<\/p>\n<p>Usodolophu uCeba Samkelo Janda ubongoze abaqhubi beemoto ukuba nabo babenendima abayidlalayo ekucoceni idolophu, ekwakhuthaza intsebenziswano yoluntu jikelele ukuba nalo luthathe inxaxheba ekucoceni iindawo abahlala kuzo.<\/p>\n<p>&#8220;Idolophu emdaka ayiniki mdla kubatyali-zimali kunye nakubakhenkethi&#8221;utshilo uSodolophu.<\/p>\n<p>Abanye babantu ebebeyinxalenye yale ndibano ngooCeba kunye negosa elisuka kumasipala weSithili i-Amathole.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>eDutywa Umasipala waseMbhashe ebambisene neForamu yeNkunkuma (Waste Awareness Forum) bebebambe indibano yokuxhobisa ngococeko kumagumbi kamasipala<\/p>\n","protected":false},"author":1,"featured_media":473,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"footnotes":""},"categories":[8],"tags":[],"class_list":["post-472","post","type-post","status-publish","format-standard","has-post-thumbnail","hentry","category-community"],"_links":{"self":[{"href":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/index.php\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/472","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/index.php\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/index.php\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/index.php\/wp-json\/wp\/v2\/users\/1"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/index.php\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=472"}],"version-history":[{"count":3,"href":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/index.php\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/472\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":476,"href":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/index.php\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/472\/revisions\/476"}],"wp:featuredmedia":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/index.php\/wp-json\/wp\/v2\/media\/473"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/index.php\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=472"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/index.php\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=472"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/ecmessenger.co.za\/index.php\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=472"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}